116   Nento Ku-Yesu




[V1]
Unamaxhal’ umxhelo, Akanandaw’ u-Yesu?
Ubanjiswe zibatha, Akanandaw’ uYesu?
Bona nanko emnyango, Emana enkqonkqoza;
Mphulaphul’ ebongoza; Akanandaw’ u-Yesu?

[V2]
Mus’ ukuchith’ ixesha, Unga msebenzela-na?
Ngamandl’ owaphiweyo,
Unga msebenzela-na? Ison’ akusoyisi, Akuzuzi ‘mphefumlo,
Obhadulayo yena; ‘Ngamsebenzel’ u-Yesu?

[V3]
Ngenxa yobu butyebi, Akanaxesh’ u-Yesu?
Uvimb’ izinto zonke, Akanaxesh’ u-Yesu?
‘Ziyolo nobutyebi, ‘zinto ozifunayo, Ufun’ ezizezakho;
Akanaxesh’ uYesu?

[V4]
Ingamagqabi odwa, Ziphina iziqhamo?
Akunaz’ izithungu, Ziphina iziqhamo?
Akunalo nokhozo, akusebenzanga-nto,
akusayi kugcoba X’ uhlangana no-Yesu