5 Kude Kungakanani neKhaya
[V1]
Kuse kude na ekhaya? Ndabuza umlindi wathi,
Ubusuku buya phela, Kufuphi ukusa;
Ngako ungabi sakhala, kodwa khawuleza uhambe
Wofika ekukhanyeni okungapheliyo.
Kuse kude na ekhaya? Ndabuza umlindi wathi,
Ubusuku buya phela, Kufuphi ukusa;
Ngako ungabi sakhala, kodwa khawuleza uhambe
Wofika ekukhanyeni okungapheliyo.
[V2]
Ndabuza kumphumi-mkhosi; nantsi impendulo yakhe
Ndiza kulwa ngesibindi, ikrele likhanya
Ngako ungabi sakhala, ncekelela edabini
Umvuzo uya kubakho Xa woyisile.
Ndabuza kumphumi-mkhosi; nantsi impendulo yakhe
Ndiza kulwa ngesibindi, ikrele likhanya
Ngako ungabi sakhala, ncekelela edabini
Umvuzo uya kubakho Xa woyisile.
[V3]
Ndibuzile endalweni, Zonke zitsho ngazwi linye
Ixesha liya gqibela, Likufuph’ ikhaya
Ngako ungabi sakhala, iziboniso ziyanda
Jikelele zimemeza, Iyeza iNkosi
Ndibuzile endalweni, Zonke zitsho ngazwi linye
Ixesha liya gqibela, Likufuph’ ikhaya
Ngako ungabi sakhala, iziboniso ziyanda
Jikelele zimemeza, Iyeza iNkosi
[V4]
Ekhaya akuse kude! Yinkumbulo entle leyo Cwayita mhambi. Zisule inyembezi ezo;
Ngako ungabi sakhala, Kuba sohlangana khona
Iinkathazo ziphelile phaya ezulwini.
Ekhaya akuse kude! Yinkumbulo entle leyo Cwayita mhambi. Zisule inyembezi ezo;
Ngako ungabi sakhala, Kuba sohlangana khona
Iinkathazo ziphelile phaya ezulwini.