185 Ukuba Khona!
[V1]
Sitsho futhi ngelo lizwe Libengezelayo lihle,
Siluvum’ uzuko lwalo, Kodwa, Hayi, ukuba khona!
Nangendlela zegolide, Iindonga zihonjisiwe,
Ubumnandi butshatshele, Kodwa, Hayi, ukuba khona!

[V2]
Apho asikho isono, Sikhululw’ elusizini
Sikhululw’ ezilingweni, Kodwa, Hayi, ukuba khona!
Kwanay’ inkonzo yothando, nezambatho zabangcwele,
Nebandla lamazibulo, Kodwa, Hayi, ukuba khona!

[V3]
Kophela konk’ ukukhala, Xa sivuselw’ ebomini;
Sobon’ ikhaya elitsha, Elilungiswe yiNkosi
Apho kulo mzi ungcwele, Kukho nempepho emnandi
Apho akukho lusizi, Akukho kufa khon’ apho.

[V4]
Naphakathi kwaba Yeha, Lungel’ izulu moya wam,
Kamsinya ndiyakwazi nam, Ndikwazi ukuba khona
Siyaphila kulo mazwe, Sinobo buhle bezulu
Nabangcwele, nengelosi, NoYesu woba khon’ apho