311   Mphakamisele Phezulu




[V1]
Mphakamisele phezulu, Bakhangel' abafayo;
Aboni badiniweyo Ubasez'amanz' obom;
Nakuba wakha waphantsi, Waye li-Tshawe noko;
Nemfam'ezibhadulayo, Ngenxa yakhe zobona.

[C]
Mphamisen' u-Msindisi, Yen' ungolindelweyo,
Ikwa nguye nothethayo Esithi mus'ukona.

[V2]
Ngu-Msindis' onexabiso, Mazibon' izihlwele;
Mazimfune ngentliziyo, Woza naz' ebuhlanti.
Zoza zivel' elizweni, Zize kuye ngomgcobo,
Ziwuthwele umnqamlezo, 'ze zizuz' usindiso.

[C]
Mphamisen' u-Msindisi, Yen' ungolindelweyo,
Ikwa nguye nothethayo Esithi mus'ukona.

[V3]
Mphakamisen' enozuko, Ungu-Nyana ka-Thixo;
Wobatsala ngolo thando, nabangakhathaliyo
makhe beve nal' íbali Lokwehlazo ukufa,
Lombali yiphindeni qho: Adunyiswe zihlwele.

[C]
Mphamisen' u-Msindisi, Yen' ungolindelweyo,
Ikwa nguye nothethayo Esithi mus'ukona.

[V4]
Mphakamiseni ngengoma, Nangomthandazo nawo,
Nguy'u-Mkhululi wozuko, Owazithwal' izono.
Nabanci boguqa kuYe, Bahlabel' abakhulu;
Zothi nezithulu zive, Zidumis' izidenge.

[C]
Mphamisen' u-Msindisi, Yen' ungolindelweyo,
Ikwa nguye nothethayo Esithi mus'ukona.