213   Ingoma Yam




[V1]
O, Yesu Msindisi wam, Wen’ uyingoma yam;
Ungu-Mthuthuzeli wam, Ebuhlungwini bam.

[C]
O, Yesu Mkhululi wam, Ndiyacula ngaWe;
Asikho isihlobo Esifana naWe.

[V2]
O, Yesu, ithemba lam, Ngeminyaka yonke;
Nakuwo amathunzi Wen’ uyingoma yam..

[C]
O, Yesu Mkhululi wam, Ndiyacula ngaWe;
Asikho isihlobo Esifana naWe.

[V3]
Ndikholwa nguWe, Yesu,; Wena Mkhokeli wam;
Ukwa sisithandwa sam, Emhlabeni wonke.

[C]
O, Yesu Mkhululi wam, Ndiyacula ngaWe;
Asikho isihlobo Esifana naWe.

[V4]
Ingoma nemvuyiso Emhlabeni apha;
Ingoma nemvuyiso, Ezulwini laKho

[C]
O, Yesu Mkhululi wam, Ndiyacula ngaWe;
Asikho isihlobo Esifana naWe.