96 Luvuyele, Luveyele
[V1]
Siyavuya ngalo mhla Owasikelelwayo;
Siwamkela ngovuyo, Ngokwelanga lezulu.
Siyavuya ngalo mhla Owasikelelwayo;
Siwamkela ngovuyo, Ngokwelanga lezulu.
[V2]
Lilanga lokuphumla, Lihamba kuhl’ ixesha;
Sithuthuzelwa ngalo, Kude kuphel’ ubomi.
Lilanga lokuphumla, Lihamba kuhl’ ixesha;
Sithuthuzelwa ngalo, Kude kuphel’ ubomi.
[V3]
Min’ engcwele enkulu, Yokubonga iNkosi
Sifunda ngawo lo mhla, Ngentsikelelo zaKho.
Min’ engcwele enkulu, Yokubonga iNkosi
Sifunda ngawo lo mhla, Ngentsikelelo zaKho.
[V4]
Siyavuya ngalo mhla, Neempembelelo zawo;
Sivula nentliziyo, siphe umoya waKho.
Siyavuya ngalo mhla, Neempembelelo zawo;
Sivula nentliziyo, siphe umoya waKho.