317   Thixo Akunangqaleko




[V1]
Thixo akunangqaleko; Thixo akunangqibeko;
Ukho endaweni zonke, Ukho ngamaxesha onke.

[V2]
Phaya ezinkwenkwezini Ukho wena, ezulwini;
Wab' ukade sel'ukhona, Xa zingekabikho zona.

[V3]
Zoda zigqibeke zonke, Kuthi tshabalala konke;
Ube wena ungapheli, Ube wena usahleli.