264 Mini Engcwele YeNkosi
[V1]
Min’ engcwele yeNkosi, Yim’ intle endalweni
Lusuku lwesixhenxe, Olwasikelelwayo.
Min’ engcwele yeNkosi, Yim’ intle endalweni
Lusuku lwesixhenxe, Olwasikelelwayo.
[C]
Wamkele ke, Wamkele ke,
Wamkele ke, Wamkele ke,
[4 times for Ten & Bass]
Siyavuya ngalo mhla, Omkhulu kaYehova.
Siyavuya ngalo mhla, Omkhulu kaYehova.
[C]
Wamkele ke, Wamkele ke,
Wamkele ke, Wamkele ke,
[V2]
Wagqiba umsebenzi, Waphumla ngeSabatha;
Wawusikelela ke, Nathi siphumla ngawo.
Wagqiba umsebenzi, Waphumla ngeSabatha;
Wawusikelela ke, Nathi siphumla ngawo.
[C]
Wamkele ke, Wamkele ke,
Wamkele ke, Wamkele ke,
[V3]
Abaninz’ abaphumli, Bagcin’ olokuqala;
Funda eziBhalweni, Abaxelelwe lo nto.
Abaninz’ abaphumli, Bagcin’ olokuqala;
Funda eziBhalweni, Abaxelelwe lo nto.
[C]
Wamkele ke, Wamkele ke,
Wamkele ke, Wamkele ke,
[V4]
Abatheth’ inyaniso Bath’ umntu wayichitha;
Ilizwe likaThixo Lona lisemi njalo.
Abatheth’ inyaniso Bath’ umntu wayichitha;
Ilizwe likaThixo Lona lisemi njalo.
[C]
Wamkele ke, Wamkele ke,
Wamkele ke, Wamkele ke,
[V5]
Ndifundile ndabona Umthetho weSabatha,
Ndaya ndawuthobela; Leyo yeyona ndlela
Ndifundile ndabona Umthetho weSabatha,
Ndaya ndawuthobela; Leyo yeyona ndlela
[C]
Wamkele ke, Wamkele ke,
Wamkele ke, Wamkele ke,