227   Emnqamlezweni




[V1]
U-Msindisi woph’ igazi, Wafa na ngenxa yam?
Ube ngafa na ngenxa yam ndingento yalutho?

[C]
Emnqamlezweni Ndabona ukukhanya
Wesuka wonk’ umthwalo wezono;
Apho ngokholo Ndanokubona, Ndinovuyo yonke imihla.

[V2]
Zizono zam ezaxhoma I-Nkosi emthini
Yek’ uthando kwanenceba Andinike zona.

[C]
Emnqamlezweni Ndabona ukukhanya
Wesuka wonk’ umthwalo wezono;
Apho ngokholo Ndanokubona, Ndinovuyo yonke imihla.

[V3]
Usizi lwam alwanel’ ukubonis’ uthando,
Ngoko, Nkosi, ndinikela Wonke umzimba wam.

[C]
Emnqamlezweni Ndabona ukukhanya
Wesuka wonk’ umthwalo wezono;
Apho ngokholo Ndanokubona, Ndinovuyo yonke imihla.