292 Ndingoka-Yesu Ngokupheleleyo
[V1]
Ndinezandla zokusebenza; Ndizwana lokubonga,
'Ndletyana zokuphulaphula, Nelizwana lokuvoma.

[C]
Siza kuWe, Nkosi, Singabantwan' abancinci;
Siza kuWe, Nkosi, Sifunde ngawe.

[V2]
Ndinenyawana zokuhamba Ndiye phezulu ezulwini;
'Mehlwan' okufund' iBhayibhile Ndixele ngolo thando.

[V3]
Le ntliziywana ndipha ngayo, Naalo mphefumlo ngoka-Yesu;
Obu bomi bam bonke bobakhe, Ndisinikela kuYe.