66   Usuku Oluhle

[V1]
Suk’ oluhle lokukhetha Wena Thixo, U-Msindisi;
Kumnandi intliziyo yam, ivuyele ezo ndaba.

[C]
Awu! Luhle usuku, Wandihlamb’ izon’ uYesu;
Wandibiza, sendivile, Ndinovuyo, ndigcobile,
Awu! Luhle usuku, Wandihlamb’ izon’ uYesu.

[V2]
Kuphelile, kuphelile, NdingoweNkos’ yona yeyam,
Indirhola ndilandele, Nal’ ubizo olungcwele.

[C]
Awu! Luhle usuku, Wandihlamb’ izon’ uYesu;
Wandibiza, sendivile, Ndinovuyo, ndigcobile,
Awu! Luhle usuku, Wandihlamb’ izon’ uYesu.

[V3]
Mayiphumle intliziyo, Icamange ngezi zinto;
Ingaz’ imke eNkosini, Ezaliswe kukulunga

[C]
Awu! Luhle usuku, Wandihlamb’ izon’ uYesu;
Wandibiza, sendivile, Ndinovuyo, ndigcobile,
Awu! Luhle usuku, Wandihlamb’ izon’ uYesu.

[V4]
Izifungo endinazo Zohlaziywa onk’ amaxa;
Kude kuphele imihla Yokuphila emhlabeni.

[C]
Awu! Luhle usuku, Wandihlamb’ izon’ uYesu;
Wandibiza, sendivile, Ndinovuyo, ndigcobile,
Awu! Luhle usuku, Wandihlamb’ izon’ uYesu.

[V5]
Xa ebuya umsindisi Ezok’ thabath’ abangcwele,
Ndakulawula neNkosi yam, Kwelo khaya laphezulu.