137   Ndinike u-Yesu

[V1]
Wonk’ umhlaba awunto kum, Kunye novuyo lwawo;
Ndiph’ uYesu abe ngowam, Kuse ephakadeni.

[C]
Hay’ ubunzulu benceba! Nobubanzi bothando!
Nenzaliseko yentlawulo, Bomi bungapheliyo!

[V2]
Wonk’ umhlaba awunto kum, Wonwabil’ umphefumlo;
Ndilindwa ngum-Sindisi wam, Ndivum’ ingom’ emnandi.

[C]
Hay’ ubunzulu benceba! Nobubanzi bothando!
Nenzaliseko yentlawulo, Bomi bungapheliyo!

[V3]
Wonk’ umhlaba awunto kum, Ndimbon’ uYes’ encuma
nakulo oluhambo lwam, Ndivuyiswa kukhanya.

[C]
Hay’ ubunzulu benceba! Nobubanzi bothando!
Nenzaliseko yentlawulo, Bomi bungapheliyo!

[V4]
Wonk’ umhlaba awunto kum, Xa ndihlel’ emnqamlezweni;
Ndide ndimbone ubuso, Ubuso be-Nkosi yam.