219 Ndikhokele O Yehova
[V1]
Ndikhokele, O, Yehova! Ndingumhambi, Nkosi yam;
Unamandla: Andinawo, Onobuthathaka ndim;
O, Msindisi! O, Msindisi! NguWe olikhaka lam.

[V2]
Lowo mthombo Wosindiso Owavulwa ngenxa yam
Mawuvele umpompoze Uzihlamb’ izono zam.
O, Msindisi! O, Msindisi!
NguWe oluncedo lwam; Nguwe oluncedo lwam.

[V3]
Ndifikile eJordane, Susa izoyiko zam;
‘Zundikhaphe, sendiwela; Yiba unguMncedi wam.
O, Msindisi! O, Msindisi!
Nguwe olithemba lam; Nguwe olithemba lam.