337 Bawo, Ndingumntwana Wakho
[V1]
Bawo ndingumntwana wakho, Noko ndonileyo,
Ndiyalila phambi kwakho Bawo, ndixolele.
Bawo ndingumntwana wakho, Noko ndonileyo,
Ndiyalila phambi kwakho Bawo, ndixolele.
[V2]
Iziphoso zam zininzi, Azinakubalwa;
Noko ndibhekise kuwe, Bawo. ndoxolele.
Iziphoso zam zininzi, Azinakubalwa;
Noko ndibhekise kuwe, Bawo. ndoxolele.
[V3]
Imithetho ndiyaphule, Wena ndakudela;
U-Msindisi ndimlahlile, Bawo, Ndixolele.
Imithetho ndiyaphule, Wena ndakudela;
U-Msindisi ndimlahlile, Bawo, Ndixolele.
[V4]
Ndone ngako ukuthetha, Ndone nangengcinga,
Ndone nangemisebenzi, Bawo, Ndixolele.
Ndone ngako ukuthetha, Ndone nangengcinga,
Ndone nangemisebenzi, Bawo, Ndixolele.
[V5]
Noko ndibe ndifanele Ukukubulela;
Ndone ngokukulibala, Bawo, Ndixolele.
Noko ndibe ndifanele Ukukubulela;
Ndone ngokukulibala, Bawo, Ndixolele.
[V6]
Ngaz' izono ezininzi, Bawo ndizonele;
Wena ndikuhlazisile, Bawo, ndixolele.
Ngaz' izono ezininzi, Bawo ndizonele;
Wena ndikuhlazisile, Bawo, ndixolele.
[V7]
Ungu-Thixo Onenceba Engazang' iphele;
Ngako ndiyalila, ndithi, Bawo, ndixolele.
Ungu-Thixo Onenceba Engazang' iphele;
Ngako ndiyalila, ndithi, Bawo, ndixolele.