93   Lusuku Lokuphumla




[V1]
Au! Suku lokuphumla kwa nolwemvuyiso
Olususa intsizi kwa naz’ inkathazo;
Baya dumisa ngalo abasezulwini,
Baya tsholoza bathi, “Ngcwele, Ngcwele Nkosi.”

[V2]
I-Sabatha eyona inqabe kakhuhle
Iyintsim’ ebaleka amanzi amahle;
Injengomthomb’ othandwa ngaba nxaniweyo,
Intaba zibonisa izwe elizayo.

[V3]
Usuku olumnandi luhle ebantwini
usuku lokucinga ngezasezulwini,
Sizuz’ ufef’ olutsha ngawo wona lo mhla
Siyakuphumla njalo xa sesiphezulu.