262   Ndimthini na U-Yesu?




[V1]
Ndothini na ngoYesu Omiyo phambi kwam;
Wambeth’ ingub’ ebomvu Nameva entloko?

[C]
Umbuzo nguwo lo, Ithin’ impendulo?
Ndobethelel’ uBarabba, ndikhulul’ uYesu.

[V2]
Ndimkhulule n’ umphangi Ozele bububi?
Umoni, uMsindisi, Kungafa wuphi na?

[C]
Umbuzo nguwo lo, Ithin’ impendulo?
Ndobethelel’ uBarabba, ndikhulul’ uYesu.

[V3]
Lo ngumbuz’ obuhlungu Owoyikekayo;
Inceba isekhona Nyla ngobulumko.

[C]
Umbuzo nguwo lo, Ithin’ impendulo?
Ndobethelel’ uBarabba, ndikhulul’ uYesu.

[V4]
Ndilincame n’ ilizwe Endilithandayo?
“Makahambe uYesu, Makabethelelwe.”

[C]
Umbuzo nguwo lo, Ithin’ impendulo?
Ndobethelel’ uBarabba, ndikhulul’ uYesu.

[V5]
Ngumbuzo wethu sonke, Awukhethe bani
Ngexesha lokulingwa Nyula ngobulumko.

[C]
Umbuzo nguwo lo, Ithin’ impendulo?
Ndobethelel’ uBarabba, ndikhulul’ uYesu.