71   Libhaliwe na Igama Lam?




[V1]
Nkosi’ andinanze mfuyo yalo eli lizwe;
Ndikhalel’ ukungena khon’ ezulwini
Encwadini yombuso waKho ezulwini,
Ndixelele Msindisi thandekayo kum.

[C]
Lingab’ igama lam selibhaliwe na?
Lingaba igama lam lise ncwadini na?

[V2]
Nkosi, ezi sono zam zinje ngentlabathi;
Kodwa igazi laKho lanele kumoni;
Kuba isithembiso sakho sibhaliwe,
“Ndozihlamba izono zakho zibe mhlophe.”

[C]
Lingab’ igama lam selibhaliwe na?
Lingaba igama lam lise ncwadini na?

[V3]
Kumzi okhazimlayo one zindlw’ ezintle,
Kukho ke abangcwele bane ngub’ ezintle
Akungeni izinto ezingcolileyo
Kuhleli izithunywa ezilindileyo.

[C]
Lingab’ igama lam selibhaliwe na?
Lingaba igama lam lise ncwadini na?