73   Xa Angenayo u-Kumkani




[V1]
Simenyeziwe esidlweni, Sindawonye esithebeni;
Koba njani ekungeneni, Xa I-Nkos’ imi?

[C]
Xa I-Nkosi ingena, Xa I-Nkosi’ imi;
Koba njani ke kuwe nam, Xa I-Nkos’ imi?

[V2]
Isitsaba samev’ asikho; sesobukhosi kuy’ entloko,
Bukhulu ubuqaqawuli Xa I-Nkos’ imi.

[C]
Xa I-Nkosi ingena, Xa I-Nkosi’ imi;
Koba njani ke kuwe nam, Xa I-Nkos’ imi?

[V3]
Njengo kukhazimla kombane, Izinto zonke kamsinyane
Zakukhanya nje ngesibane, Xa I-Nkos’ imi.

[C]
Xa I-Nkosi ingena, Xa I-Nkosi’ imi;
Koba njani ke kuwe nam, Xa I-Nkos’ imi?

[V4]
Siphe Nkosi isisa saKho, Sincede ngobubele baKho,
Sambese ngokulunga kwaKho, Xa Nkosi umi.

[C]
Xa I-Nkosi ingena, Xa I-Nkosi’ imi;
Koba njani ke kuwe nam, Xa I-Nkos’ imi?