60   Mgcobo Wentliziyo




[V1]
Yesu mthandi wentliziyo, Wena ungumthombo wobom;
Kunazo zonke izinto, Siyakukhalela thina.

[V2]
Yesu, ngenyaniso yaKho, Usindisa thina boni;
Xa sifuna wena, Nkosi, Usinika ukuphumla.

[V3]
Yesu, usiSonka sethu, Sinike siphile ngaSo;
siyasela emthonjeni Ukuze saneliseke.

[V4]
Yesu, sazalw’ ezonweni, Sasibanjwe ekufeni;
Sikholwa ngamandla aKho Ukusisindisa ngawo.

[V5]
Yesu, wena wasifela, Wathatha ubuntu bethu
Gxotha kuthi ubumnyama, ‘Ze kuhlale ukukhanya.