70 Siyakuma Njani?
[V1]
Xa uYesu abutha’ izizwe, Zize zime phambi kwaKhe;
Siyakubonakala njani, Ukwamkela isigwebo?

[C]
Siyakuma njani khona apho, Ngelo langa elikhulu?
Nasekwahlulweni kwabantu, Ngalo ilang’ elikhulu.

[V2]
Uza kutsho na uMsindisi, “Heke, Mkhonzi olungileyo?”
Ingaba ke sothuthumela, ‘Ze sigxothwe simke kuYe?

[V3]
Uyabagcobela bon’ abaKhe, Abo banophawu lwaKhe;
Uyabanxibisa ngobuhle, xa Sebequbudile kuYe.

[V4]
Masimlindele uMsindisi Sineziban’ ezivuthayo;
X’ umyeni efika ebusuku, Masilunge ‘ze simbone.

[V5]
Ngentliziyo ebheka phezulu, Kwanangokunyamezela
Xa sesilugqibile uhambo, Sakubon’ ubuso baKhe.