331   Yanga Intliziyo Yam




[V1]
Yanga intliziyo yam Ingaphuma ezonweni;
Wanga umphefumlo wam Ungangen' ebungcweleni.
Yiva, yiva, Nkosi yam, Yiva ukukhunga kwam.

[V2]
Kwanga ukuhamba kwam Kungabheka ezulwini;
Zanga zonk' izenzo zam Zingayama e-Nkosini.
Nceda, nceda , Nkosi yam, Nceda ukulinga kwam.

[V3]
Kwanga ukuvuya kwam Ndingavuya futhi ngawe;
Kwanga ukuzama kwam Ndingalandelana nawe.
Vuma, vuma, Nkosi yam, Ndiye ezulwini nam.