61   Qokela Ngo-Yesu




[V1]
Ngakumbi, ngo-Yesu iNkos’, Ndize ndifundis’ abanye,
Ndibon’ usindiso lwaKhe, Nothando londifeleyo.

[C]
Ngakumbi ngo-Yesu, Kwakhona ngoYesu,
Ngakumbi ngosindiso kum, Ngothando londifeleyo.

[V2]
Xela kwakhona ngo-Yesu, Xela nangengqondo yaKhe;
Moya ka-Thixo ndiphe-ke, Ukwazi ngay’ u-Kristu wam.

[C]
Ngakumbi ngo-Yesu, Kwakhona ngoYesu,
Ngakumbi ngosindiso kum, Ngothando londifeleyo.

[V3]
Funda kwakhona ngo-Yesu, Sondela ngokuthandaza;
Mamela ilizwi laKhe, Yazisa abanye ngaYe.

[C]
Ngakumbi ngo-Yesu, Kwakhona ngoYesu,
Ngakumbi ngosindiso kum, Ngothando londifeleyo.

[V4]
Ngakumbi ngo-Yes’ I-Nkosi, Ngesihlalo sobukhosi;
Lungqine udaba olo, Ngokubuya kwabangcwele.

[C]
Ngakumbi ngo-Yesu, Kwakhona ngoYesu,
Ngakumbi ngosindiso kum, Ngothando londifeleyo.