268   Nkosi Umoya Uyavuthuza

[V1]
Nkos’ umoy’ uyavuthuza, Nolwandle selusilwa,
Isibhakabhaka simnyama, Alukho nokhuselo.Yinina ungakhathali Sitshabalala nje?
Lonk’ ixesha sizel’ uloyiko, sikufuph’ engcwabeni.

[C]
Umoya namaza othobela, Thula tu, Nokuba lulwandl’ululwayo, iidemoni, ‘bantu, nokuba yini, Angekh’itshon’ inqanaw’enaYe oyiNkosi yomhlaba nolwandle; Konke kothula kuthobele, Thula tu! Thula tu! Konke kothula kuthobele, Kuthule tu.

[V2]
Nkosi ngomoy’ obuhlungu Nidthoba phambi kwaKho, Intliziy’izel’ iinkathazo,
Vuka undisindise, Isono kwanobuhlungu, zindigubungele;
O, Nkosi yam ndiyatshabalala, Yiza undisindise.

[C]
Umoya namaza othobela, Thula tu, Nokuba lulwandl’ululwayo, iidemoni, ‘bantu, nokuba yini, Angekh’itshon’ inqanaw’enaYe oyiNkosi yomhlaba nolwandle; Konke kothula kuthobele, Thula tu! Thula tu! Konke kothula kuthobele, Kuthule tu.

[V3]
Nkosi ingoz’ iphelile, Konke sekuzolile; Liyakhanya nalo ilanga, Wonwabil’ umphefumlo. Ndigcine O, Mkhululi wam, Mandingabi ndedwa,
Ngovuyo ndowela ndisindile, Ndiphumle ngaphesheya.