33 Uya Ndikhokela
[V1]
U-Yes’ uya ndikhokela, Ngeyakhe intuthuzelo;
Noko konk’ endikwenzayo Isandla sakhe sikho kum.

[C]
Uya ndirhola u-Yesu, Ngaso esakhe isandla;
ndiza kumlandela ke mna, Ekuben’ endikhokela.

[V2]
Noba kumnyama kuthe tsu, Nasemanzin’ enkathazo;
Andinanto ithusayo, Kuba ungaphambili kwam.

[V3]
Andisoli, andikhali, Nkosi ndiya qinisela;
Kuko konke ndiya vuya, Ekuben’ undikhokela.

[V4]
Wakuphela umsebenzi, NgaWe Yesu ndingoyisa;
Andikoyika ukufa, U-Yesu endikhokela.