263   Ngenisani Konke Okweshumi




[V1]
‘Ngaba sohlangana khona, Ngaphesheya komlambo?
Apo kuhleli uxolo, Kungekho nalusizi.

[C]
Siyakuhlangana, Phesheya kwalo mlambo;
Sowela ngapha komlambo, Apho kuhlel’ uxolo.

[V2]
Sobonan’ ezibukweni Seluphelil’ uhambo;
Sohlangana sime apho Kunxweme lokuzola.

[C]
Siyakuhlangana, Phesheya kwalo mlambo;
Sowela ngapha komlambo, Apho kuhlel’ uxolo.

[V3]
Sohlangana kuwo lo mzi, Ozindlu zikhanyayo?
Ondonga zinqabileyo, Wakhiwa nguy’ uYesu?

[C]
Siyakuhlangana, Phesheya kwalo mlambo;
Sowela ngapha komlambo, Apho kuhlel’ uxolo.

[V4]
Sohlangana noMsindisi Xa ezothath’ abaKhe?
Sobonga inceba yaKhe, Sihlale etroneni?

[C]
Siyakuhlangana, Phesheya kwalo mlambo;
Sowela ngapha komlambo, Apho kuhlel’ uxolo.