12   Kukho Umthombo




[V1]
Kukho umthombo wegazi, Ovel’ eNkosini ‘Boni, abahlanjiweyo Kulo elo gazi,
Bayahlanjululwa Ezonweni zabo. ‘Boni abahlanjiweyo Bayahlanjululwa.

[V2]
Isela elajingayo Lavuy’ ukubona Lowo mthombo wokuphila, Ohlamba izono
Noxa ndinezono Ndingahlanjululwa; Lowo mthombo wokuphila, Ohlama izono.

[V3]
Wena Mvana eyafayo, Sesibonga wena; I-Bandla lingasindiswa NguWe ezonweni
Linamandl’ igazi Ukuhlamb’ izono; I-Bandla lingasindiswa NguWe ezonweni.

[V4]
Ngokholo ndabon’ umsinga ovel’ enxebenii; ndathabatheka luthando, ndahlanjwa izono
Ndohlala ndivuma ngaWe Ndide ndikubone, Ndathabatheka luthando, ndahlanjwa izono

[V5]
Nkosi undilungisele Indawo ekhaya; Noxa ndingakufanele, Wena wandifela;
Undiphil’ umvuzo Kuyimpila entsha; noxa ndingakufanele Wena wandifela.

[V6]
Ndinengoma yokuvuma Ngosindiso lwaKho; Xa ndimbona uMsindisi ndiyakumdumisa
Lo mzimba woba ngomnye Sewenziwe wamtsha Xa ndimbona uMsindisi ndiyakumdu-
misa.