320 Sinesipho Esikhulu
[V1]
Sinesipho esikhulu, Esisiphiweyo thina;
Siphiwe ngu-Yehova, Esosipho esinaso.
Sinesipho esikhulu, Esisiphiweyo thina;
Siphiwe ngu-Yehova, Esosipho esinaso.
[V2]
Sinqabile esosipho Kwabo basizuzileyo;
Basithanda sona kanye, Phezu kwento abanazo.
Sinqabile esosipho Kwabo basizuzileyo;
Basithanda sona kanye, Phezu kwento abanazo.
[V3]
Singamandla esosipho Kwabo basifumeneyo;
Sibubomi esosipho Kwabo abasamkeleyo.
Singamandla esosipho Kwabo basifumeneyo;
Sibubomi esosipho Kwabo abasamkeleyo.
[V4]
Esosipho singu-Yesu, Esisiphiweyo thina;
Usisipho esikhulu Kwabo abakholiweyo.
Esosipho singu-Yesu, Esisiphiweyo thina;
Usisipho esikhulu Kwabo abakholiweyo.
[V5]
Simbulela u-Yehova Ngesosipho esikhulu;
Simbulel' u-Thixo yedwa Ngokusiph' u-Nyana wakhe.
Simbulela u-Yehova Ngesosipho esikhulu;
Simbulel' u-Thixo yedwa Ngokusiph' u-Nyana wakhe.