155   Ndoya Apho Undithuma Khona




[V1]
Akungebi phezu kwentaba, Kungabi nase lwandle;
Kungabi khona nase mfazwen’, Endifuna khon’ I-Nkos’
Koko mhlawumb’ indibizela Kwizwe ndingalaziyo,
Ndotsho ndithi, Nos’ ethandekayo, Ndoy’ aph’ undifuna khona.

[C]
Nkos’ ethandekayo, ndoya apho, Entabeni nase lwandle;
Ndothetha amazwi akho, Nkosi, Ndibe kukuthanda kwaKho.

[V2]
U-Yesu angathanda namhla Ndenze amazw’ amahle,
Kungako kwindlela yesono Endingathi ndimncede
Wena, Msindisi, ndikhokele Kulendlela inzima
Ndakuthi nditsholoze kamnandi, Nditheth’ amazwi amahle.

[C]
Nkos’ ethandekayo, ndoya apho, Entabeni nase lwandle;
Ndothetha amazwi akho, Nkosi, Ndibe kukuthanda kwaKho.

[V3]
Ngenyaniso kukho indawo Kweli lizwe libanzi
Wokumsebenzela u-Yesu; Ukufuna aboni,
Ngoko ndikunika konk’ okwam, Ndisaz’ uya ndithanda,
Ngovuyo ndenze intando yakho, Ndibe lont’ uthanda yona.

[C]
Nkos’ ethandekayo, ndoya apho, Entabeni nase lwandle;
Ndothetha amazwi akho, Nkosi, Ndibe kukuthanda kwaKho.