284   Imihla Idlula




[V1]
Kukh' intliziy' enosizi
Kukh' intliziy' enosizi, Nomphefumlo ofayo;
Singazisa ukonwaba Ixesha lisekhona;
Singazis' ukuvuya kolu hambo lunzima;
Okuhle singakwenza Imihla isavuma.

[C]
Imihla . . . ivuma . . . Imihla . . . ivuma,
Okuhle singakwenza Imihla isavuma.

[V2]
Makungabikho buvila, Masikhany' okwemini;
Izwe lizele intlungu, Nosizi olukhulu.
Izwe lizel' inyembezi Nokukhal' okuninzi;
Nceda bonk' abawayo, Imihla isavuma.

[C]
Imihla . . . ivuma . . . Imihla . . . ivuma,
Okuhle singakwenza Imihla isavuma.

[V3]
Uthando lwasemhlabeni Olusibambileyo,
Masilushiy' apha phantsi, Imihla isavuma.
Ngenxa yembewu entle, Esiyihlwayelayo,
Sohlala sinovuyo, Imihla isavuma.

[C]
Imihla . . . ivuma . . . Imihla . . . ivuma,
Okuhle singakwenza Imihla isavuma.