319   Masibulele ku-Yesu




[V1]
Masibulele ku-Yesu, Ngokuba wasifela,
Wasenzela izibele ngokusifela kwakhe.
Tarhu! Bawo, Yiba nofefe kuthi.

[V2]
Thina bantwana bemfama, Oweza kuthi apha,
Akwakhetha bala lamntu, Wafel' abazimfama,
Tarhu! Bawo, Yiba nofefe kuthi.

[V3]
Abantsundu, nabamhlophe Mababulele kunye;
Mabavakalise bonke, Baculele i-Nkosi.
Tarhu! Bawo, Yiba nofefe kuthi.