99 Umnqamlezo Omangalisayo
[V1]
Ndakuqwalasel’ ikrusi, Ekwaxhonyw’ eyam i-Nkosi;
Ndoncama yonk’ inzuzo yam, Ndilidelel nekratshi lam.

[V2]
Bonan’ intloko nezandla, Kunye nawo amanxeba,
Akrazulwa ngenxa yethu; Yeka! Uthand’ olungaka!

[V3]
Nda ndiyawalahlekile; Ndazuz’ ukuthethelelwa;
Yala, ndingaziqhayisi Kodwa kube ngomnqamlezo.

[V4]
Zonk’ indyebo endinazo Zingumnikelo omncinci;
Ngenxa yothand’ olungaka ndinikela impilo yam.